AMAGQABANTSHINTSHI
Inkonzo yeNgeniso yaseMzantsi Afrika (i-SARS ngamafutshane kolwasemzini), igcine ulwazi oluninzi eluqokelela ngexesha lomsebenzi wayo ophambili wokuqokelela ingeniso kazwelonke neyamashishini ayixhasayo. Olu lwazi lungumdla kubantu elubachaphazela ngqo, nokuba ngabahlawuli berhafu, abarhwebi, amahlakani kwezoshishino okanye abaqeshwa. Lukwangumdla kwabezemfundo ephakamileyo, abagqatswa, oondimangele nabafun' ukwazi.
Ukuze kuqinisekiswe ukuba konke okukwi-SARS kuyadizwa kubahlawuli-rhafu nabarhwebi, amagatya angemfihlo kuwiso-mthetho olulawulwa yi-SARS athi ulwazi olungabahlawuli-rhafu nabarhwebi lulihlebo kwaye alumelwe kudizwa ngaphandle kwakwiimeko ezinqongopheleyo. UKhuthazo lweLungelo lokufikelela kuMthetho woLwazi, 2000, ("uMthetho") luqinisa ukuba lihlebo kolu lwazi ngokuba uthi olu lwazi malungadizwa ngokwemigqaliselo yoMthetho, ngaphandle kwakumntu olunxulumene naye okanye ummeli ogunyaziswe nguloo mntu. Ukongeza, uMthetho ukwabalula ukuba lihlebo kwemiba ngemiba yemisebenzi yoshishino lwe-SARS, apho oku kunokufaneleka khona.
Amacandelo alandelayo achaza i-SARS, iinkqubo zokwenza isicelo sazo naziphi na iingxelo ezigciniweyo ze-SARS kwaye, ukuba kukho imfuneko, iinkqubo zokufaka isibheno sangaphakathi ngokwemigqaliselo yoMthetho. I-SARS imise phantsi kolawulo oluyintloko ukwamkelwa kwezicelo nezibheno kwi-ofisi yayo engundlunkulu ukuze ikwazi ukuzilandela, iziphendule ngokwamaxesha abekwe nguMthetho, kwaye iziphendule izinto ezivelayo kwangoko. Oku kuhambelana nento egxininiswa yi-SARS yokuba izinto mazenziwe ekuhleni ngokwasemthethweni kwaye kugcinwe imithetho-sisekelo yokuyimela into oyenzayo, kuboniswe imfezeko noxanduva kwabo banebango.
Ukuba ufuna ukwenza isicelo selungelo lokufumana iingxelo ze-SARS ngokwemigqaliselo yoMthetho, kufuneka uzalise ifomu ekwiSihlomelo 1 ukuze uyithumele kulo Sekela-Gosa woLwazi unolo xanduva.
Oosekela-Gosa boLwazi
-422-4916 Ifeksi
Oosekela-Gosa boLwazi banedilesi yendawo nedilesi yeposi ezifanayo.
Idilesi yendawo
Idilesi yeposi
Usekela-Gosa woLwazi ojongene nesicelo eso uza kuphendula kwithuba leentsuku ezingama-30 (ezingama-60 kwezinye iimeko) akwazise ukuba ingaba isicelo sivunyiwe okanye sikhatyiwe na.
Kwezinye iimeko kuya kufunwa uhlawule umrhumo kwi-SARS phambi kokuba isicelo sakho siqwalaselwe okanye ezo ngxelo ozifunayo ube nokuzinikwa. Apho ixesha lokulungisa iingxelo eziza kukhutshwa lingathanda ukudlula kwiiyure ezintandathu, i-SARS iya kuqhuba isisebenze isicelo sakho emva kokuba uhlawule idiphozithi.
Ufikelelo kwiingxelo ezibhaliweyo luya kunikwa ngokwefomathi leyo eceliweyo okanye ngokwefomathi leyo zikuyo iingxelo ezibhaliweyo, ukuba loo fomathi eceliweyo ayikho.
Olu luhlelo lokuqala lwencwadana ye-SARS ngokwemigqaliselo yoMthetho. Le ncwadana iya kutshintsha kwaye iphuhle njengoko i-SARS nabaceli bephonononga ukuphunyezwa koMthetho, ulungelelwano olufunwa nguMthetho phakathi kwelungelo kulwazi namanye amalungelo, njengelo langasese, nesidingo sokugcina emgangathweni ukusebenza ngenkuthalo koMbuso.
Ukuba unengxaki okanye unobunzima ekusebenziseni le ncwadana, nceda musa ukuthandabuza ukuqhakamshelana noSekela-Gosa woLwazi ofanelekileyo ukuze akuncede.
IZIQULATHO
Amagqabantshintshi 2
Uwiso-mthetho lokuqala 6
Uwiso-mthetho oluncedisayo,Amanqaku okutolika njalo njalo 7
Ngokubanzi 7
Iqumrhu elinika ingxelo 8
Iqumrhu lokusebenza 8
Ulwazi lomhlawuli-rhafu 10
Ulwazi lwabaqeshwa 10
Iingxelo ezigciniweyo zoshishino 10
Iingxelo ezifumaneka ngokulula 10
Indlela yokufumana iingxelo ezigcinwe yiSARS 11
Amanyathelo ayingabula-zigcawu 11
Ukuzalisa ifomu yesicelo 12
Imirhumo 13
Ukuthathwa kwesigqibo ngesicelo sakho 14
Ukusibhenela isigqibo 15
Isikhokelo seKhomishini yaMalungelo oLuntu esibhekisa kuMthetho 15
Izalathisi eziluncedo 15
ISIHLOMELO 1: IFOMU YESICELO 17
ISIHLOMELO 2:IMIRHUMO NGOKUBHEKISELELE KUMAQELA KAWONKE-WONKE
ISIHLOMELO 3: ISAZISO SESIBHENO SANGAPHAKATHI 23
ukuqokelelwa kwengeniso;
kwanolawulo lokungenisa nokuthumela kwamanye amazwe, ukuvelisa, ukuhamba-hamba, ukugcina nokusetyenziswa kweempahla ezithile.
I-SARS kukuphela koshishino olugunyaziswe ulawulo lowiso-mthetho lwengeniso kazwelonke. Kufuneka ke ngoko -
Iqinisekise ukuxhaswa ngenkuthalo nangempumelelo kwale mithetho ilandelayo-
o uMthetho weRhafu yeZibonelelo ezithengisekayo, 1948, o uMthetho wokuHanjiswa kweRhafu, 1949, o uMthetho weRhafu yoMbuso, 1955, o uMthetho weRhafu yoMvuzo, 1962, o uMthetho weRhafu yenkcitho neRhafu yokunyusa ingeniso, 1964, o uMthetho weXabiso lezibonelelo ezithengwe kwiMalike yezimali, 1968, o uMthetho weRhafu yeNtengo, 1991, o uMthetho ongeRhafu yeeNgxowa-mali zoMhlala-phantsi, 1996, o neminye iMithetho edweliswe kuLudwe lweNkqubo 1 (iShedyuli) loMthetho weNkonzo yeNgeniso yaseMzantsi Afrika, 1997, o nawuphi ummiselo, isihlokomiso, isaziso sikarhulumente okanye umthetho okhutshwe ngokwemigqaliselo yowiso-mthetho olungentla okanye nasiphi isivumelwano okungenwe kuso ngokwemigqaliselo yolu wiso-mthetho okanye uMgaqo-siseko, o naluphi olunye uwiso-mthetho olubhekisa kuqokelelo lwengeniso okanye ulawulo lwezinto ezivela kwamanye amazwe, ezithunyelwa kwamanye amazwe, imveliso, ukuhanjiswa ukugcinwa okanye ukusetyenziswa kwezinto ezithile ezinganikwa i-SARS ngokwemigqaliselo yowiso-mthetho okanye uvumelwano phakathi kwe-SARS nombutho wombuso okanye elo ziko kungalo (umzk. iirhafu zophuhliso lwezakhono nemirhumo ye-inshorensi yokungaphangeli);
icebise uMphathiswa wezeMali -
o ngayo yonke imibandela ebandakanya ingeniso;
o nangokusetyenziswa kwawo nawaphi amagunya okanye ukwenziwa kwawo nawuphi umsebenzi onikwe uMphathiswa okanye nawuphi na omnye umsebenzi kulawulo lukazwelonke ngokubhekiselele kuwiso-mthetho ekubhekiswe kulo ngasentla;
icebise uMphathiswa wezoRhwebo neMveliso ngemibandela ebhekiselele kulawulo lwempahla engenayo nephumayo, eyenziwayo, ehambayo, egciniweyo nesetyenziswayo.
Ngenxa yoku kutshiwo ngasentla, umbono we-SARS kukuba yingeniso enomoya woqambo kwaneshishini lerhafu yenkcitho eliphucula ukukhula koqoqosho nophuhliso lwezentlalo kwaye ixhase ukuzidibanisa kwethu noqoqosho lwelizwe jikelele ngendlela eya kuza nenzuzo kubo bonke abemi baseMzantsi Afrika.
Umsebenzi omkhulu wayo kukwenza ithembeke imveliso yengeniso, yenze lula urhwebo kwaye idlwelise abarhumi berhafu abatsha ngokukhuthaza umqaphela wokunyanzeleka ukuba umntu athobele ngokuzithandela imithetho yaseMzantsi Afrika yerhafu neyeeRhafu zenkcitho, nokunika inkonzo esemgangathweni kusatyelwa izidingo zikawonke-wonke.
Naxa iSARS inoxanduva lokuqulunqa uwiso-mthetho lwengeniso, oku kwenziwa phantsi kwesikhokelo somgaqo-nkqubo soMphathiswa wezeMali, kwezinye iimeko phantsi koMphathiswa wezoRhwebo neMveliso. Ngokunjalo, iincwadana ezikhutshwa nguMthombo wezeMali kaZwelonke neSebe lezoRhwebo neMveliso ngokwemimgqaliselo yoMthetho kufuneka nazo zijongwe ngokubhekiselele ekubandakanyweni kukawonke-wonke ekwenziweni komgaqo-nkqubo.
Uwiso-mthetho lokuqala
Ngokuxhomekeke kwimo nobumbaxa bowiso-mthetho ocetywayo kungaqalwa ngephepha lengxoxo elandlala inkqubo ecetywayo kwaye kufunwe noluvo lukawonke-wonke. Eli nyanthelo lingalandelwa kukukhutshwa kowiso-mthetho oluqulunqwayo ukuze kufunwe uluvo lukawonke-wonke.
Njengoko iPalamente ingenalo igunya ngoku lokulungisa uMthetho oyilwayo weMali wakuba wandlaliwe, kuye kwaphuhliswa inkqubo engacwangciswanga ukukhuthaza unxibelelwano nengxoxo-mpikiswano kawonke-wonke phambi kokwandlalwa komthetho. Inkqubo iqala ngokukhutshwa kowiso-mthetho oluyilwayo yi-SARS iintsuku ezili-10 ubuncinane phambi kokwaziswa okungacwangciswanga kweeKomiti zePalamente. I-SARS ikwakunye neeKomiti zePalamente zicela uluvo lukawonke-wonke ngowiso-mthetho oluqulunqwayo, nokuba kungokubhala phantsi okanye ngentetho yomlomo. Xa oku sekwenzekile, iiKomiti zePalamente ziya kuhlangana zimamele ezi zingeniso zomlomo. Emveni kokumamela ezi zimvo i-SARS noMthombo wezeMali kaZwelonke ilungisa uxwebhu lwempendulo apho ixela ukuba zeziphi na izingeniso ezamkelweyo nokuba zeziphi ezingamkelwanga nezizathu zoko.
Uwiso-mtthetho olucetyiweyo luyandlalwa nguMphathiswa wezeMali ukuze kuqalise inkqubo yasePalamente ecwangcileyo.
Uwiso-mthetho oluncedisayo, Amanqaku okutolika, njalo njalo.
Ngokuxhomekeka kwimo nakubumbaxa bowiso-mthetho olucetywayo inqaku lokutolika, njalo njalo lingakhokelwa kukubonisana namaqela emveliso, imibutho yabaqeqeshelwe umsebenzi namanye amaqela anomdla okanye ukukhutshwa komthetho oqulunqwayo ukuze uwonke-wonke anike uluvo lwakhe.
Ngokubanzi
I-SARS iyazamkela izingeniso ngokubhekiselele kwimigaqo-nkqubo neenkqubo. Ezi zingeniso kumele zithunyelwe kuMlawuli Jikelele ofanelekileyo okuluhlu lwamacandelo kwisiqendwana 5.1 okanye kwiKhomishina yeNkonzo yeNgeniso yaseMzantsi Afrika kwenye yezi dilesi zilandelayo.
Idilesi yendawo
Idilesi yeposi
Iinkonzo ezinikwa yi-SARS zijolise ngokubanzi ekukhuthazeni ukuthobela ngokuzithandela kwanokulwazi uwiso-mthetho lwengeniso. Ziquka-
Uncedo olunikwa abahlawuli-rhafu nabarhwebi xa kuzaliswa iingxelo ezisesikweni ngemivuzo,iingxelo zengeniso nezinye iifomu.
I-SARS ikwanika iinkonzo ukunceda abahlawuli-rhafu nabarhwebi xa bejongene nolawulo lwezinye iirhafu.
Iqumrhu elinika ingxelo
Iqumrhu lokusebenza
Ukudibana kwemihla ngemihla phakathi kwe-SARS, abahlawuli-rhafu, abarhwebi nabameli babo kuya kuchatshazelwa yinkqubo ye-SARS yokuphatha kwakhona iinkqubo zayo zoshishino. Ekuphuculeni iinkonzo kwabo banebango iqulunqa ngokutsha ii-ofisi zayo zamasebe ezimiyo ukuba zibe ngamaziko ovavanyo, amaziko enkxaso nee-ofisi zamasebe. Izakhiwo ezitsha ze-ofisi zimisiwe KwaZulu-Natala naseNtshona Koloni kwaye ziza kumiswa eGauteng ngowama-2003.
IGosa loLwazi le-SARS nguKhomishina weNkonzo yeNgeniso yaseMzantsi Afrika, nguMnu Pravin Gordhan. Wonyule Oosekela-Gosa boLwazi abajongene nezicelo zokufumana iingxelo ezigciniweyo imihla ngemihla. USekela-gosa woLwazi ngamnye unendawo yoxanduva ayinikiweyo esekwe kubuncutshe bakhe.
Ukuba unqwenela ukwenza isicelo sokufumana iingxelo ze-SARS, isicelo sakho kufuneka sithunyelwe kuSekela-Gosa woLwazi onolo xanduva. Oku kuya kuqinisekisa ukuba isicelo sakho silandelwa kakuhle kwaye impendulo ifika kuwe ngexesha elivumelekileyo kuMthetho
IGosa loLwazi
Oosekela-Gosa boLwazi
-422-4916 Ifeksi
IGosa loLwazi nooSekela-Gosa boLwazi basebenzisa idilesi yendawo nedilesi yeposi ezifanayo.
Idilesi yendawo
Idilesi yeposi
Njengeshishini elinoxanduva lokuqokelela ingeniso kazwelonke, iingxelo ezigciniweyo ze-SARS zingena kwizintlu ezintathu ezinkulu.
Ulwazi lomhlawuli-rhafu
Ezi ngxelo zigciniweyo ziquka iingxelo zerhafu yengeniso, imithetho eyilwayo yokungenisa,iingxelo ezisesikweni ngemivuzo, uvavanyo, inkcazelo zezemali, ulwazi ngezemali okanye olunye ulwazi ngabahlawuli-rhafu oluqokelelwe kwimithombo eyahlukeneyo neengxelo zokuxabisa.
Ulwazi lwabaqeshwa
Ezi ngxelo ziquka ulwazi ngomgaqo-nkqubo wengqesho, izivumelwano zengqesho zabo bonke abaqeshwa kwi-SARS, iingxelo zokuxabisa nolwazi lwemivuzo.
Iingxelo ezigciniweyo zoshishino
Ezi ngxelo zigciniweyo ziquka iingxelo ze-SARS zezemali nge-akhawunti yakho ne-akhawunti elawulwa yingeniso, izivumelwano, imizuzu yeekomiti ezahlukeneyo, iingxelo ezingokusebenza neencwadana,uqikelelo-manani erhafu noqikelelo-manani ezorhwebo.
IINGXELO EZIFUMANEKA NGOKULULA
Isikhokelo sokuxabisa iRhafu yeNkcitho
Isikhokelo esipheleleyo esingeRhafu yeNzuzo kwiNkunzi
Isikhokelo esingokuXabisa ngeeNjongo zeRhafu yeNzuzo kwiNkunzi
Incwadana yoLwazi yokuZalisa nokuBeka iMithetho eYilwayo yoNgeniso lwempahla ethunyelwayo
Isikhokelo seRhafu saMashishini Amancinci
Isikhokelo esincinci esingeRhafu
I-SARS ipapasha uqikelelo-manani ezorhwebo isenzela uMzantsi Afrika namazwe e-BLNS ngenyanga nganye. UMthombo wezeMali kaZwelonke upapasha uqikelelo-manani engeniso ngenyanga.
I-SARS iya kunika umhlawuli-rhafu ikopi yengxelo ebuyayo yerhafu yakhe, uvavanyo, inkcazelo ye-akhawunti nezinye iingxelo ezifanayo xa ziceliweyo e-ofisini apho iingxelo zigcinwe khona. Apho ziceliweyo iikopi zeengxelo ezigciniweyo, kusenokuhlawuliswa umrhumo wokukopa, oko kuya kuxhomekeka kubungakanani bomqulu weengxelo eziceliweyo.
Amanyathelo angezantsi ayilwe ukuze kuqinisekiswe ukuba isicelo sakho sokufumana iingxelo zolwazi ezigcinwe yi-SARS siqwalaselwa ngokukhawuleza nangenkuthalo. La manyathelo ayesebenza nokuba ungumceli wangaphakathi okanye wangaphandle.
Amanyathelo ayingabula-zigcawu
Jonga ukuba ingxelo onqwenela ukuyicela inxulumene na nolwazi olunge-SARS okanye ulwazi i-SARS enokuba ilugcinile okanye olunokuba luphantsi kolawulo lwayo. Izicelo zeengxelo ezinokuba zigcinwe okanye ezinokuba ziphantsi kolawulo lwelinye iqela kufuneka zithunyelwe kwelo qela. Izicelo eziya kwi-SARS zeengxelo enokuba inazo okanye eziphantsi kolawulo lwayo ziya kwenza zicothe iimpendulo zezinye izicelo zengxelo kwaye oko kuya kwenza ukuba izicelo zibhekiswe kwelinye iqela, loo nto ke iya kwenza icothe impendulo yesicelo sakho.
Khumbula ukuba i-SARS iya kusikhaba isicelo sengxelo ukuba loo ngxelo inolwazi olugcinwe yi-SARS okanye lulwazi elufumene ngeenjongo zokunyanzelisa uwiso-mthetho lwengeniso, ngaphandle kokuba ulwazi lungawe okanye lungaloo mntu ommeleyo.
Jonga ukuba ingaba isicelo sezizathu zenyathelo lolawulo asimele kwenziwa ngokwemigqaliselo yoMthetho woKhuthazo loLawulo loBulungisa, 2000 na, njengokuba izizathu mhlawumbi kungenzeka ukuba azikabi yongxelo yolwazi njengoko kuchaziwe.
Ukuzalisa ifomu yesicelo
Ukuba wanelisekile ukuba usanqwenela ukwenza isicelo seengxelo, zalisa iFomu A, oza kuyifumana kwiSihlomelo 1 sale ncwadana. Isicelo kufuneka senziwe ngumntu ngokwakhe, okanye nge-e-mail, ngefeksi okanye ngeposi koyena Sekela-Gosa woLwazi odweliswe kwisiqendwana 6 sale ncwadana.Ukuba awufumananga mbalelwano yokufunyanwa kwesicelo sakho kwintsuku ezi-14, nceda qhakamshelana noSekela-Gosa wolwazi ukuqinisekisa ukuba isicelo sakho sifunyenwe.
Amanye amanqaku abalulekileyo omele kuwakhumbula xa uzalisa ifomu yakho ngala:
Icandelo ngalinye lefomu liqulethe imiyalelo emelwe ilandelwe ukuphucula amathuba okuba isicelo sakho samkelwe..
Apho kwenziwa isicelo esinxulumene nombutho, kucetyiswa kakhulu ukuba igosa likawonke-wonke lombutho lenze okanye ligunyazise isicelo eso.
Ukuba ucelela umntu iingxelo kufuneka unike ikopi ekugunyazisa ukuba wenzele loo mntu.
Kufuneka unike inkcazo eneennkcukacha kangangoko yeengxelo ezo ozicelayo ukwenzela ukuba uSekela-Gosa woLwazi akwazi ukuziphawula.
Ukuba ufumana ubunzima ekuzaliseni ifomu yesicelo okanye unokulimala okukuthintela ukuba uyizalise ifomu, nceda musa ukuthandabuza ukuqhakamshelana noSekela-Gosa woLwazi ofanelekileyo akuncede. Uya kuyonwabela into yokukunceda uzalise ifomu kwaye akuthumelele ikopi ezalisiweyo ebhaliweyo yesicelo apho kwezo ndawo akuzalisele zona.
Imirhumo
Kusenokuba yimfuneko ukuhlawula imirhumo yokufumana iingxelo ngokwemigqaliselo yoMthetho. Le mirhumo ngumrhumo wesicelo nomrhumo wokufumana ingxelo.
Umrhumo wesicelo:Ukuba ucela ukufumana ingxelo engawe,akusayi kufunwa uhlawule umrhumo wesicelo.Nasiphi esinye isicelo kufuneka sikhatshwe ngumrhumo wesicelo ofunwayo.
Umrhumo wokufumana ingxelo: Ukuba isicelo sivunyiwe ngoko ke umrhumo wokufumana ingxelo kufuneka uhlawulwe ukuze kwenziwe ezi ngxelo kwaye kuhlawulelwe nexesha elingaphezulu kweyure ukukhangela nokulungisa ezi ngxelo ukuba zidizwe. Apho ixesha lokulungisa iingxelo zize zibe nokudizwa lisengagqitha kwiiyure ezintandathu, idiphozithi esisinye esithathwini yomrhumo wokufumana ingxelo ingafunwa njengediphozithi.
Ungayihlawula imirhumo ngemali esesandleni (ikheshi) kwi-ofisi ye-SARS yemali esesandleni okanye ngetshekhi (ebhalwe uKhomishina weNkonzo yeNgeniso yaseMzantsi Afrika). Kuya kukhutshwa irisithi apho kuhlawulwe ngemali esesandleni kwaye ikopi kufuneka inikwe uSekela-Gosa woLwazi njengobungqina bentlawulo. Zonke iintlawulo mazenziwe ngemali yaseMzantsi Afrika.
Ubume bemirhumo kwandlalwe ngummiselo kwaye bubhalwe kwiSihlomelo 2 sale ncwadana.
Ukuthathwa kwesigqibo ngesicelo sakho
USekela-Gosa wolwazi kufuneka ethathe isigqibo ngesicelo sakho kwiintsuku ezingama-30 (ezingama-60 kwezinye iimeko) akufumana isicelo sakho, ukuba akenzi njalo siya kuba isicelo sakho sikhatyiwe. Uya kwaziswa ngesigqibo soSekela-Gosa woLwazi ngendlela exelwe kwifomu yakho yesicelo.
Uya kuba nelungelo lokufumana ingxelo yolwazi ukuba-
Uzithobele zonke iimfuno zenkqubo ezikuMthetho ezinxulumene nesicelo sokufumana ingxelo, ezi zezi-
Isicelo senziwe ngokufanelekileyo kwifomu emiselweyo;
Uze nabo ubungqina begunya lokwenzela omnye umntu isicelo ukuba isicelo eso awusenzeli wena;
Ingxelo oyicelileyo ichazwe ngokwaneleyo ukwenzela uSekela-Gosa woLwazi abe nokuyiphawula;
Uyihlawule yonke imirhumo efunwayo; kwaye
Ukufumana ingxelo akukhatywa ngesizathu esinye okanye ngezizathu zokukhaba ezikuMthetho. Izizathu zokukhaba zikwezi zintlu zilandelayo-
Ukhuselo olugunyazisiweyo lwangasese lweqela lesithathu elingumntu nje;
Ukhuselo olugunyazisiweyo lolwazi lorhwebo lweqela lesithathu;
Ukhuselo olugunyazisiweyo lolunye ulwazi olulihlebo, nolunye ukhuselo lolunye ulwazi olulihlebo, lweqela lesithathu;
Ukhuselo olugunyazisiweyo lokhuseleko lwabantu ngabanye, nokhuselo lwepropati/lwempahla
Ukhuselo olugunyazisiweyo lweengxelo ezingakhutshwayo kwiinkqubo zasemthethweni;
Ukhuselo olugunyazisiweyo lolwazi lophando lweqela lesithathu nokhuselo lolwazi lophando lweqela likawonke-wonke;
Izicelo zemfeketho nezicaphukisayo, okanye nokusetyenziswa kwemithombo ngendlela ephambukileyo.
Ukusibhenela isigqibo
Ukuba awaneliseki sisigqibo sikaSekela-Gosa woLwazi okanye ukukhatywa kwesicelo sakho, unelungelo lokufaka isibheno sangaphakathi ngokubhekiselele kweso sigqibo okanye oko kukhatywa.
Isibheno sangaphakathi kufuneka senziwe ngokubhala kusetyenziswa iFomu B oza kuyifumana kwiSihlomelo 3 sale ncwadana. Kufuneka uzandlale izizathu zokubhena ngokunxulumene nengxelo nganye efunwayo. Isibheno sangaphakathi kufuneka sifakwe kwithuba leentsuku ezingama-60 emva kokufumana isigqibo esiphuma kuSekela-Gosa woLwazi okanye umhla wokukhatywa kwesicelo. USekela-Gosa woLwazi uya kusidlulisa isibheno sakho kunye nezizathu kwiGunya eliseMxholweni le-SARS ukuba lithathe isigqibo. Ukuba awufumananga mbalelwano ekwazisa ngokuba isibheno sakho sifunyenwe kwithuba leentsuku ezili-14, nceda qhakamshelana noSekela-Gosa woLwazi uqinisekise ukuba isicelo sakho sifunyenwe.
Ukuba awaneliseki sisigqibo seGunya eliseMxholweni, ungenza isicelo kwiNkundla ukuba ikuncede. Inkundla ingathi ngokuva eso sicelo inike umyalelo wobulungisa oquka:
Ukuqinisekisa, ukulungisa okanye ukusikhaba isigqibo esiyintloko yesicelo;
Ukufuna iGosa loLwazi lithathe inyathelo okanye liyeke ukuthatha elo nyathelo njengoko iNkundla ibona kufanelekile ngokwethuba elo lichazwe kumyalelo;
Ukunika isithintelo okanye uncedo oluphakathi okanye olulodwa, inkcazo okanye imbuyekezo; okanye
Iindleko.
ISIKHOKELO SEKHOMISHINI YAMALUNGELO OLUNTU ESIBHEKISA KUMTHETHO
Isikhokelo siya kufumaneka kwiKhomishini yaMalungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika ngaphambi kokuphela kuka-Agasti 2003. Nceda thumela imibuzo apha-
Ifowuni: 011-484-8300
Ifeksi: 011-484-1360
IZALATHISI EZILUNCEDO
ISIHLOMELO 1
IFOMU A
Igama nedilesi yendawo neyeposi , inombolo yefeksi, okanye i- e-mail yegosa lolwazi okanye usekela-gosa wolwazi kufuneka zixelwe apha ngezantsi.
Othatha ingqalelo: Igosa loLwazi /USekela-Gosa woLwazi : SARS
B. Iinkcukacha zomntu ocela ukufumana ingxelo c Iinkcukacha zomntu ocela ukufumana ingxelo mazibhalwe apha ngezantsi.
Ubungqina besikhundla sakho wena wenza isicelo, ukuba siyafuneka, mabunamatheliswe.
Amagama azeleyo nefani: Idilesi yeposi: Inombolo yefowuni: Inombolo yefeksi: Idilesi ye-e-mail: Isikhundla sakho wena wenza isicelo, xa isicelo usenzela omnye umntu:
C. Iinkcukacha zomntu owenzelwa isicelo
Eli candelo malizaliswe kuphela xa isicelo sisenzelwa omnye umntu.
Amagama azeleyo nefani: Inombolo yesazisi/ yenkampani:
D. Iinkcukacha zengxelo c I-SARS iyasikhaba isicelo sengxelo ukuba iqulethe ulwazi olugcinwe yi-SARS okanye elufumene ngeenjongo zokunyanzelisa uwiso-mthetho lwengeniso,ngaphandle kokokuba olo lwazi lungawe okanye lungaloo mntu ommeleyo.
Nika iinkcukacha ezipheleleyo zengxelo ecelwayo, uquka nenombolo yokwalathisa ukuba uyayazi ukwenzela ukuba ingxelo ibe nokufunyanwa.
Ukuba isithuba esinikiweyo asaneli nceda qhuba kwelinye iphepha uze ulinamathelise kule fomu. Kufuneka uwasayine onke amaphepha ongeziweyo.
Inkcazo yengxelo okanye indawo esemxholweni yengxelo: Inombolo yokwalathisa , ukuba ikhona: Naziphi ezinye iinkcukacha zengxelo:
E. Imirhumo d Isicelo sokufumana ingxelo, ingeyiyo nje ingxelo equlethe ulwazi ngawe, siya kusetyenzwa kuphela emva kokuhlawula umrhumo wesicelo
Uya kwaziswa ngesixa ekufuneka sihlawulwe njengomrhumo wesicelo.
Umrhumo wokufumana ingxelo ohlawulelwa ukufumana ingxelo uxhomekeke kwindlela efunwa ikuyo ingxelo nexesha elifunekayo ukukhangela nokulungisa ingxelo.
Ukuba ukholelwa ekubeni umele ukhululwe ungahlawuli umrhumo omiselweyo, nceda nika isizathu sakho sokuba ukholelwe koko.
Isizathu sokukhululwa:
F. Ifomu yokufumana ingxelo
c Ukuxela kwakho ukuba uyifuna ngeyiphi indlela ingxelo kuxhomekeke kwindlela efumaneka ikuyo ingxelo.
Ukufumana ingxelo kwindlela eceliweyo kusenokwaliwa kwiimeko ezithile. Kwimeko enjalo uya kwaziswa ukuba ingxelo uza kuyinikwa ikwenye indlela.
Umrhumo ohlawulelwa ukufumana ingxelo, ukuba ukhona, uya kumiselwa nayindlela ecelwa ukuba ibe kuyo ingxelo. Ukuba uthintelwa kukulimala ungakwazi ukufunda, ukujonga okanye ukumamela ingxelo kuloo ndlela uyinikwe ikuyo ukususela kwisi-1 ukuya kwisi-4 ngezantsi, chaza ukulimala kwakho kwaye uxele ukuba ingxelo uyifuna ikweyiphi indlela. Ukulimala: ...
Indlela efunwa ikuyo ingxelo:
Ukuba ingxelo ibhaliwe okanye ishicilelwe - Ikopi yengxelo
Ukuhlolwa kwengxelo 2. Ukuba ingxelo inemifanekiso ebonwayo -
kuqukwa iifoto ,izilayidi, okushicilelwe kwividiyo, imifanekiso eyenziwe ngekhompyutha,imizobo njalo njalo.) Jonga imifanekiso Ikopi yemifanekiso
Ukukhutshelwa kwemifanekiso
3. Ukuba ingxelo inamazwi arekhodiweyo okanye ulwazi olunokuveliswa ngesandi - Mamela isandi (ikhasethi yokumamela)) Ukukhutshelwa kwesandi*
uxwebhu olubhaliweyo okanye olushicilelweyo 4. Ukuba ingxelo igcinwe kwikhompyutha okanye kwindlela ye-elektroni okanye ifundeka ngomatshini - Ikopi eshicilelweyo yengxelo
Ikopi eshicilelweyo yolwazi oluvela kwingxelo
Ikopi efundeka ngekhompyutha*
Ukuba ucele ikopi yengxelo okanye ingxelo ekhutshelweyo ngasentla unqwenela ukuba ikopi okanye leyo ikhutshelweyo iposelwe kuwe? Umrhumo weposi uyahlawulwa EWE HAYI Qaphela ukuba ingxelo ayifumaneki ngolu lwimi olukhethayo,uya kuyinikwa ikolo lwimi ifumaneka ngalo. Ukhetha ukuba ibe koluphi ulwimi ingxelo?
G. Isaziso sesigqibo ngokubhekiselele kwisicelo sokufumana ingxelo
Uza kwaziswa ngokuba ubhalelwe ukuba ingaba isicelo sakho samkelwe na okanye sikhatyiwe. Ukuba ufuna ukwaziswa ngenye indlela , nceda xela indlela leyo kwaye unike neenkcukacha ezifanelekileyo ukuze sibe nokuthotyelwa isicelo sakho.
Ungathanda ukwaziswa njani ngesigqibo esimalunga nesicelo sakho?
Isayinwe e ... ngalo ... mhla we/wama... 20...
INTSAYINO-GAMA YOMCELI /UMNTU
OWENZELWA ISICELO
Inombolo yokwalathisa inikiwe: Isicelo sifunyenwe ngu: Isicelo sifunyenwe ngo: Umrhumo wesicelo (ukuba ukho): Umrhumo wokufumana ingxelo: Isigqibo:
Intsayino-gama kaSekela-Gosa woLwazi: Umhla:
ISIHLOMELO 2
IMIRHUMO NGOKUBHEKISELELE KUMAQELA KAWONKE-WONKE
Umrhumo wekopi yencwadana njengoko ucamngcwe kummiselo 5 ( c) ngama-R0,20 ngefotokopi yephepha eliyi-A4 okanye inxalenye yayo.
Imirhumo yemveliso kwakhona ekubhekiswe kuyo kummiselo 7 imi ngolu hlobo lulandelayo:
a Ngefotokopi nganye yephepha eliyi-A4 okanye inxalenye yayo.
b Ngekopi nganye eshicilelweyo yephepha eliyi- A4- okanye inxalenye yayo egcinwe kwikhompyutha okanye kwi-elektroni okanye efundeka ngomatshini 0,40
c Ngekopi efundeka ngekhompyutha -
i kwisitifi 5,00
d i Ngokukhutshelwa kwemifanekiso ebonwayo, kwiphepha eliyi- A4 okanye inxalenye yayo 22,00
e i Ngokukhutshelwa kwengxelo ephulaphulwayo, kwiphepha eliyi-A4 okanye inxalenye yayo 12,00
Umrhumo wesicelo ohlawulwa ngumceli ngamnye, ingenguye umceli ngokwakhe oxelwe kummiselo 7 ngama- R35,00.
Imirhumo yokufumana ingxelo ehlawulwa ngumceli ekubhekiswe kuye kummiselo 7 imi ngolu hlobo:
a Ngefotokopi nganye yephepha eliyi-A4 okanye inxalenye yayo.
b Ngekopi nganye eshicilelweyo yephepha eliyi- A4 okanye inxalenye yayo egcinwe kwikhompyutha okanye kwi-elektroni okanye efundeka ngomatshini 0,40
c Ngekopi efundeka ngekhompyutha -
i kwisitifi 5,00
d i Ngokukhutshelwa kwemifanekiso ebonwayo, kwiphepha eliyi- A4 okanye inxalenye yayo 22,00
e i Ngokukhutshelwa kwengxelo ephulaphulwayo, kwiphepha eliyi-A4 okanye inxalenye yayo 12,00
f Ukukhangela nokulungisa ingxelo ukuba idizwe,R15 ngeyure nganye okanye inxalenye yeyure, ingabalwa iyure yokuqala, ixesha elifunekayo ukukhangela nokulungisa ingxelo elolo hlobo.
Ngeenjongo zecandelo 222 loMthetho, oku kulandelayo kuyasebenza:
a Iiyure ezintandathu njengeeyure emazigqitywe phambi kokuhlawulwa kwediphozithi; ukuze b isinye esithathwini somrhumo wokufumana ingxelo uhlawulwe njengediphozithi ngumceli .
Umrhumo wokuposa uyahlawulwa xa kufuneka kuposelwe ikopi yengxelo kumceli.
Isihlomelo A seSaziso sikaRhulumente No. R. 187 sibalula ukuba; "Amaqela kawonke-wonke nawangasese abhalise phantsi koMthetho weRhafu yeNtengo, 1991 (uMthetho no.89 wowe-1991) njengabathengisi bangongeza irhafu yentengo kuyo yonke imirhumo..." Naxa i-SARS ibhaliswe njengomthengisi, ikhethe ukungayifaki i-VAT kwimirhumo emiselweyo. Imirhumo engasentla ke iquka ne-VAT
ISIHLOMELO 3
IFOMU B
ISAZISO SESIBHENO SANGAPHAKATHI
XELA INOMBOLO YAKHO YOKWALATHISA: ... A. Iinkcukacha ze-SARS
Igama nedilesi yendawo neyeposi , inombolo yefeksi, okanye i- e-mail yegosa lolwazi okanye usekela-gosa wolwazi kufuneka zixelwe apha ngezantsi.
Othatha ingqalelo: Igosa loLwazi /USekela-Gosa woLwazi: SARS
B. Iinkcukacha zomntu ocela ukufumana ingxelo c Inkcukacha zomntu ocela ukufumana ingxelo mazibhalwe apha ngezantsi.
Ubungqina besikhundla sakho wena wenza isicelo, ukuba siyafuneka, mabunamatheliswe.
Amagama azeleyo nefani: Idilesi yeposi: Inombolo yefowuni: Inombolo yefeksi: Idilesi ye- e-mail : Isikhundla sakho wena wenza isicelo xa isicelo usenzela omnye umntu:
C. Iinkcukacha zomntu owenzelwa isicelo
Eli candelo malizaliswe kuphela ukuba isicelo sokufumana ulwazi senzelwa omnye umntu.
Amagama azeleyo nefani: Inombolo yesazisi/ yenkampani:
D. Isigqibo esifakwa ngenxa yaso isibheno sangaphakathi
Phawula ngo- "X" isigqibo esifakwa ngenxa yaso isibheno kwibhokisi efanelekileyo: Ukwaliwa kwesicelo sokufumana ingxelo. Isigqibo malunga nemirhumo emiselwe ngokwemigqaliselo yecandelo 22 loMthetho. Isigqibo malunga nokwandiswa kwexesha lokujongana nesi sicelo ngokwemigqaliselo yecandelo 26 loMthetho Isigqibo ngokwemigqaliselo yecandelo 29 loMthetho sokwala ukufumana isicelo sikwindlela ecelwe ngumceli. Isigqibo sokuvuma isicelo sokufumana ingxelo.
E. Izizathu zokubhena
Ukuba isithuba osinikiweyo aseneli nceda qhuba kwelinye iphepha uze ulinamathelise kule fomu. Kufuneka uwasayine amaphepha ongeziweyo.
Xela izizathu esisekwe phezu kwazo isibheno sangaphakathi: Xela naluphi olunye ulwazi olungasemxholweni ekuqwalaseleni isibheno:
F. Isaziso ngesigqibo sesibheno
Uya kwaziswa ngokubhalelwa ngesigqibo esingesibheno sangaphakathi sakho. Ukuba unqwenela ukwaziswa ngenye indlela, nceda xela indlela leyo kwaye unike neenkcukacha ezifunekayo ukwenzela ukuba sibe nokuthotyelwa isicelo sakho.
Ungathanda ukwaziswa njani ngesigqibo esimalunga nesicelo sakho?
Isayinwe e ... ngalo ... mhla we/wama... 20...
INTSAYINO-GAMA YOMBHENI
Isibheno sifunyenwe ngu: Isibheno sifunyenwe ngo: Umrhumo wesibheno : Singeniswe kwiGunya eliseMxholweni ngo: Isiphumo sesibheno: Isigqibo esitsha , ukuba siyasebenza:
Isigqibo seGunya eliseMxholweni: Umhla wesigqibo:
